1 Yeziganeko 10:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo, intloko yakhe ayixhoma endlwini yothixo wawo uDagoni.

11. Zathi zakuvakala kubemi bonke baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento yonke eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,

12. kwanduluka onke amagorha alapho, azithatha izidumbu zooSawule noonyana bakhe, azisa eJabheshe. Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi omkhulu eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.

13. USawule lo ke wafa kuba esuke akathembeka *kuNdikhoyo. Akazange alithobele ilizwi likaNdikhoyo, wada waya kubuzisa nakoosiyazi, efuna isikhokelo,

14. endaweni yokubuzisa kuNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wambulala, waza umbuso lowo wawunikezela kuDavide unyana kaJese.

1 Yeziganeko 10