23. no-Ofire, noHavila, noJobhabhi. Yonke le ke yinzala kaJoketan.
24. Nanku umlibo kaShem: UShem wazala uArpakishadi, uArpakishadi wazala uShela,
25. uShela wazala uHebhere, uHebhere wazala uPelege, uPelege wazala uRewu,
26. uRewu wazala uSerugi, uSerugi wazala uNahore, uNahore wazala uTera,
27. uTera wazala uAbram, lo ukwabizwa ngokuba nguAbraham.
28. Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli.
29. Nantsi inzala yabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, ibe nguKedare, noAdebhele, noMibhesam,
30. noMishma, noDuma, noMasa, noHadadi, noTema,
31. noJeture, noNafishi, noKedema. Yinzala kaIshmayeli ke leyo.
32. UAbraham wayeneqadi uKetura owazala oonyana abanguZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.
33. Oonyana bakaMidiyan nguHefa, noEfere, noHanoki, noAbhida, noElda. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
34. UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.
35. Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRuweli, noJewushe, noJalam, noKora.