14. Ndiyanibongoza, mawethu, bakhalimeleni abanxaxhayo, nibakhuthaze abatyhafileyo, nibasekele ababuthathaka, nibaphathe ngomonde xa bebonke.
15. Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
16. Vuyani maxa onke,
17. nithandaze njalo-njalo.
18. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
19. UMoya oyiNgcwele sanukumminxa;
20. ilizwi elivela eNkosini sanukulidela.
21. Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo.
22. Nayiphi na into embi yityesheleni.
23. Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu.
24. Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.