1. Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi.
2. Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu.
3. UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya.
4. Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko,
5. iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
6. Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo.
7. Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu.
8. Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.
9. Akukho mfuneko yakuba ndinichazele ngoxanduva lokuthanda amanye amakholwa, kuba kaloku nina ngokwenu uThixo uyanifundisa ukuba nithandane.
10. Ibe ke ngenene nani niziphethe ngale ndlela kuwo onke amakholwa kulo lonke elaseMakedoni. Phofu ke, mawethu, ndiyanikhuthaza ukuba niqhubele phambili ukwenjenjalo.