2. Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli,
3. kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu.
4. Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”?
5. Xa ndingubani mna Pawulos, engubani yena uApolo? Sizizicaka nje zikaThixo kuphela, ezinincedayo ukuba nikholwe. Umntu ngamnye kuthi wenza umsebenzi awunikwe yiNkosi.
6. Mna ndatyala, uApolo yena wankcenkceshela, kodwa ke nguThixo okhulisayo.
7. Ngoko ke lowo utyalayo akabalwa, nalowo unkcenkceshelayo akabalwa; obalulekileyo nguThixo, yena ukhulisayo.
8. Lowo utyalayo ke uyafana nalowo unkcenkceshelayo, kodwa elowo kubo uya kwamkela umvuzo ngangokubulaleka kwakhe.
9. Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo.
10. Ngesisa endisenzelwe nguThixo ndasibeka isiseko ngokwegcisa lomakhi. Omnye ke wakha phezu kwaso. Elowo ke makayigqale indlela akha ngayo phezu kwesi siseko.
11. Kaloku akukho bani unokubeka siseko simbi ngaphandle kweso sabekwa nguThixo, eso ke singuYesu onguKrestu.
12. Kunokwakhiwa ngezinto ezahluka-hlukeneyo phezu kwesi siseko. Kunokwakhiwa ngegolide, ngesiliva, nangamatye anqabileyo; kunokwakhiwa ngamaplanga, ngengca, nangeendiza.