9. Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
10. UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
11. Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
12. Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo.