1 Kwabasekorinte 15:51-57 Ibhayibhile (XHO96)

51. Mandinazise le nto benikade ningayazi: Asiyi kufa sonke; kodwa ngesiquphe,

52. ngephanyazo, siya kwenziwa kumila kumbi sonke, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba liya kuvakala ixilongo; abafileyo baya kuvuswa sebenemo engasenakufa, senziwe kumila kumbi sonke.

53. Kuba le mo sikuyo yonakalayo, imelwe kukwambatha imo engonakaliyo; le mvelo ifayo, yambathe ukungafi.

54. Xa ke le mo yonakalayo seyambethe ukungonakali, naxa le mvelo ifayo seyambethe ukungafi, iya kuzalisekiswa ke le ndawo yeziBhalo ithi:“Ukufa kubhangisiwe;ukufa kufincelelwe eloyisweni.”

55. “Kufa luphi na uloyiso lwakho?Kufa luphi na ulwamvila lwakho?”

56. Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

57. Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

1 Kwabasekorinte 15