51. Mandinazise le nto benikade ningayazi: Asiyi kufa sonke; kodwa ngesiquphe,
52. ngephanyazo, siya kwenziwa kumila kumbi sonke, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba liya kuvakala ixilongo; abafileyo baya kuvuswa sebenemo engasenakufa, senziwe kumila kumbi sonke.
53. Kuba le mo sikuyo yonakalayo, imelwe kukwambatha imo engonakaliyo; le mvelo ifayo, yambathe ukungafi.
54. Xa ke le mo yonakalayo seyambethe ukungonakali, naxa le mvelo ifayo seyambethe ukungafi, iya kuzalisekiswa ke le ndawo yeziBhalo ithi:“Ukufa kubhangisiwe;ukufa kufincelelwe eloyisweni.”
55. “Kufa luphi na uloyiso lwakho?Kufa luphi na ulwamvila lwakho?”
56. Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
57. Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!