45. Kuba *iziBhalo zithi umntu wokuqala, uAdam, waba ngumntu odla ubomi, yena ke owokugqibela uAdam waba nguMoya odlisa ubomi.
46. Akuqali okoMoya, kodwa kuqala okwemvelo, kuze kulandele ke okoMoya.
47. Owokuqala umntu wenziwa ngothuli lomhlaba, ungowomhlaba; yena owesibini uMntu waphuma ezulwini.
48. Abasemhlabeni abantu bafana naloo mntu wenziwa ngomhlaba; kanti ke abasezulwini abantu bafana naloo Mntu wavela ezulwini.
49. Njengokuba sifuze loo mntu wenziwa ngomhlaba, ngokunjalo siya kumfuza naloo Mntu weza ephuma ezulwini.
50. Xa nditshoyo ke, mawethu, ndithi into eyenziwe ngenyama negazi ayinakubudla ilifa ubuncwane bokulawulwa nguThixo, kwaneyonakalayo ayinakungonakali.