1 Kutimoti 5:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ungaze uthethe rhabaxa nomntu omdala kunawe. Thetha naye ngokungathi uthetha noyihlo. Abafana abanganeno kuwe bathathe njengabaninawe,

2. abafazi abadala njengonyoko. Phakathi kwabafazana ziphathe nyulu njengakoodade wenu.

3. Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.

4. Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana mabafunde ukwenza iimfanelo zabo ekhaya kuqala, baze ngokwenjenjalo babuyekeze abazali babo, bamkholise noThixo.

5. Kodwa umfazi ongumhlolokazi nene-nene ongenabani, ithemba lakhe ulibeke kuThixo. Uthandaza ubusuku nemini ecela uncedo lukaThixo.

6. Kanti ke umhlolokazi ozinikezele eziyolweni nasebumnandini, sewafayo naxa ngathi uhleli nje yena.

7. Baxelele ngezi zinto abahlolokazi, ukuze bangabekwa bala.

8. Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

9. Ubhaliso lwabahlolokazi lwenzelwa abo bangaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala. Ngaphezu koko kufuneka babe babenyanisekile emadodeni abo,

1 Kutimoti 5