1. UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni.
2. Ezo mfundiso ziya kuza nabantu abangamaxoki, abazazela ziphawulwe ngophawu lukaSathana.
3. Bayawuchasa umtshato, banqande abantu ekutyeni uhlobo oluthile lokutya. Kambe ke oku kutya kudalwe nguThixo, ekwenzela ukuba kwamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4. Kaloku yonke into edalwe nguThixo ilungile. Makungabikho icalulwayo ke, xa yamkelwe ngombulelo.