4. Kufuneka ibe ngumntu okwaziyo ukulawula usapho lwakhe, ethotyelwa ngabantwana bakhe, umntu ovunyiweyo ngesimilo.
5. Kaloku umntu owoyiswayo kukulawula usapho lwakhe, angalilawula njani ibandla labantu bakaThixo?
6. Kufuneka ingabi ngumntu osandul' ukuguquka, hleze athiwe lwale likratshi, aze agwetywe njengoSathana.
7. Makabe ngumntu ohlonitshwayo ngabangakholwayo, ukuze angabi sesichengeni sehlazo, eyele kwimigibe kaSathana.
8. Nabo abancedisi mababe ngabantu abasimilo sihle, benyanisekile; bengengawo amanxila okanye izinyolunyolu zemali.
9. Kufuneka babe ngamadoda azinikele ngokupheleleyo kwinyaniso yokholo, engenasazela nganto.