1 Kayohane 4:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.

10. Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

11. Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

12. Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

13. Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.

14. Ngaphezu koko nathi sizibonele, saye siyangqina, ukuba uYise wamthuma uNyana ukuze asindise ihlabathi.

15. Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

16. Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

17. Xa uthando lukaThixo luyondelelene kuthi, asiyi koyika ngomhla womgwebo, kuba sohlala kweli hlabathi njengoko uKrestu wayesoloko enjalo ehlabathini.

18. Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

1 Kayohane 4