1 Kayohane 4:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.

5. Bona bangabehlabathi, nemfundiso yabo ikwayeyasehlabathini. Yiyo ke loo nto libevayo ihlabathi.

6. Kodwa thina singabantwana bakaThixo. Ke umntu owazanayo noThixo uyasiva. Kodwa lowo ungengokaThixo akasiva. Siwuqonda ngaloo nto ke umahluko phakathi kwefuthe lenyaniso nefuthe lobuxoki.

7. Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.

8. Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.

9. Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.

10. Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

11. Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

12. Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

13. Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.

14. Ngaphezu koko nathi sizibonele, saye siyangqina, ukuba uYise wamthuma uNyana ukuze asindise ihlabathi.

1 Kayohane 4