3. Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.
4. Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
5. Niyazi kaloku ukuba uKrestu weza kucamagushela isono; ibe ke akanasono yena.
6. Ngoko ke lowo umanyene noKrestu uyazilumla esonweni. Lowo ungazilumliyo esonweni akakamboni uKrestu, engazani nokwazana naye.
7. Musan' ukulahlekiswa, bantwana bam: Ngumntu olungisayo olilungisa, kanye njengoko noKrestu elilo.
8. Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.
9. Lowo ke ungumntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uzelwe nguThixo yena. Umntwana kaThixo kaloku akanakuhlalela ukona.
10. Nguwo lo ke umahluko phakathi kwabantwana bakaThixo nabakaSathana: Umntu ongenzi okulungileyo nongawathandiyo amanye amakholwa, asingomntwana kaThixo.
11. Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
12. Masingafani noKayen ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo. Kwakutheni ukuze amgwinte umntwakwabo? Kwakungenxa yokuba izenzo zikaKayen zazigwenxa, kodwa ezomntakwabo zazilungile.
13. Bahlobo bam, sanukumangaliswa xa abantu beli hlabathi benithiyile.
14. Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni.
15. Nabani na ke omthiyileyo uwabo sisigwinta, ibe ke niyazi ukuba akukho sigwinta sinabo ubomi obungunaphakade.
16. Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.