14. Bantwana, ndinibhalela nje, kungoba niyamazi uBawo. Boyise, ndinibhalela nje, kungenxa yokuba nimazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Lutsha, ndiyanibhalela kuba kaloku nina nomelele, nelizwi likaThixo linifukamele, ibe ke nomtyholi nimoyisile.
15. Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
16. Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.
17. Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.
18. Bantwana bam, isiphelo sisemnyango! Kaloku nanivile ukuba umchasi-Krestu uyeza. Nangoku ke sebevele babaninzi abamchasayo uKrestu. Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba isiphelo sisemnyango.
19. Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.
20. Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele; ngoko ke nonke ninolwazi.
21. Ndinibhalela nje ke akungakuba ningayazi inyaniso; hayi, kungenxa yokuba niyazi, futhi ke niqonda ukuba ubuxoki abuveli enyanisweni.