1. Ndinibhalela nje, bantwana bam, ndifuna niyeke ukona. Kambe ke xa kukho umntu othe wona ukhona ummeli wethu kuBawo, nditsho uYesu Krestu olilungisa.
2. Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
3. Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe.
4. Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso.