15. Wobiza isahlulo sesishumi sengqolowa nediliya yenu, ayinike amagosa akhe.
16. Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena.
17. Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe.
18. Nakuba nimfumene kwanina niya kumkhalazela loo kumkani nimtyumbileyo. Ke yena uNdikhoyo akayi kuba saniphulaphula.”