1 Kasamweli 5:2-4 Ibhayibhile (XHO96)

2. Apho afika ayingenisa endlwini yothixo wawo uDagoni, ayimisa ecaleni kwakhe.

3. Ngentsasa elandelayo amaFilistiya afika, tyhini uDagoni uthe qungqululu emhlabeni, ewe ngobuso ngaphambi kwetyesi *kaNdikhoyo! Babuya bammisa kwasendaweni yakhe uDagoni.

4. Kwakhona ngentsasa elandelayo bafike tyhini kwakhona nanko uDagoni equngquluze ngaphambi kwetyesi kaNdikhoyo! Ngoku wayeqhawuke intloko nezandla, zingasemgubasini wendlu leyo, yena uDagoni esele esisibhukubhuku nje. (

1 Kasamweli 5