2. Apho afika ayingenisa endlwini yothixo wawo uDagoni, ayimisa ecaleni kwakhe.
3. Ngentsasa elandelayo amaFilistiya afika, tyhini uDagoni uthe qungqululu emhlabeni, ewe ngobuso ngaphambi kwetyesi *kaNdikhoyo! Babuya bammisa kwasendaweni yakhe uDagoni.
4. Kwakhona ngentsasa elandelayo bafike tyhini kwakhona nanko uDagoni equngquluze ngaphambi kwetyesi kaNdikhoyo! Ngoku wayeqhawuke intloko nezandla, zingasemgubasini wendlu leyo, yena uDagoni esele esisibhukubhuku nje. (