10. Yadluliselwa e-Ekron ityesi yomnqophiso kaThixo.Yathi isafikanje abantu balapho bakhalaza besithi: “Baze kusibulalisa ngalaa tyesi yoThixo wamaSirayeli thina nabantu bethu!”
11. Abantu balapho babiza iinkosi zamaFilistiya, babhekisa kuzo bathi: “Sincedeni; yisuseni apha kuthi le tyesi yoThixo wamaSirayeli. Mayibuyele kowayo, hleze isibulale thina nabantu bethu.” Kaloku bonke abantu besixeko babenkwantyisiwe kukufa, kuba uThixo wayebamise kakubi.
12. Abantu abangafanga babethuthunjiswa ngamathumba, senyuka isikhalo sesixeko, sada savakala nasezulwini.