1 Kasamweli 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ayithatha amaFilistiya ityesi kaThixo e-Ebhenezere, ayisa eAshdode.

2. Apho afika ayingenisa endlwini yothixo wawo uDagoni, ayimisa ecaleni kwakhe.

3. Ngentsasa elandelayo amaFilistiya afika, tyhini uDagoni uthe qungqululu emhlabeni, ewe ngobuso ngaphambi kwetyesi *kaNdikhoyo! Babuya bammisa kwasendaweni yakhe uDagoni.

4. Kwakhona ngentsasa elandelayo bafike tyhini kwakhona nanko uDagoni equngquluze ngaphambi kwetyesi kaNdikhoyo! Ngoku wayeqhawuke intloko nezandla, zingasemgubasini wendlu leyo, yena uDagoni esele esisibhukubhuku nje. (

5. Unanamhla oku ababingeleli bakaDagoni, nabani na ongena endlwini kaDagoni eseAshdode, uyawutsiba umgubasi ngenxa yale ntlekele.)

1 Kasamweli 5