19. Oonyana neentombi zamadoda akhe kunye nawo onke loo maxhoba ama-Amaleki wabuya nawo uDavide.
20. Wabuya nemihlambi yeenkomo neegusha, ahamba eqhuba loo mihlambi amadoda akhe, esithi: “Huntshuu! Amaxhoba kaDavide!”
21. Wesuka apho uDavide, wafika kulawa makhulu mabini amadoda awasala entlanjeni eBhesore ngenxa yokudinwa. Aphuthuma ukuhlangabeza uDavide namadoda akhe. Wawabulisa uDavide, wawabuza nempilo,
22. kodwa kwabakho amatshijolo nabaphembi-qhushululu kubalandeli bakaDavide, abathi: “Aba bebengahambanga nathi. Ngoko abazi kuba nanxaxheba kula maxhoba size nawo. Indoda nganye ingasuka ithathe umfazi wayo nabantwana bayo, ihambe.”
23. Wenjenje ukuwaphendula loo madoda uDavide: “Mawethu, aninako ukwenjenjalo ngento esiyiphiwe nguNdikhoyo! NguNdikhoyo lo usikhuseleyo wasoyisela abaya banqolobi bathimbe izinto zethu.