1. AmaZifi ahambela kuSawule eGibheya, athi: “Nanko uDavide ezímele kulaa nduli iHakila ekumaphethelo entlango yelakwaJuda.”
2. Unduluke kwangoko uSawule wenjenjeya, ehamba namawaka amathathu amadoda akhethiweyo kwaSirayeli, ukuya kukhangela uDavide kuloo ntlango yaseZifi.
3. Wafika wamisa ikampu ngasendleleni kuloo nduli iHakila. Wayesesentlango uDavide lo gama kufika uSawule. Uthe ke akubona ukuba nanko uSawule emlandela,
4. wathumela iintlola, ziye kuqonda ukuba ngaba wayelapho ngenene na uSawule.
5. UDavide usuke kwangoko wayijongisisa loo ndawo wayemise kuyo uSawule. Wayibona indawo apho uSawule noAbhinere, unyana kaNere, umphathi-mkhosi kaSawule, babelalisa kuyo. USawule wayelala phakathi ekampini, engqongwe ngumkhosi wakhe.
6. Emva koko uDavide ubhekise kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi umntakwabo-Jowabi (onina yayinguZeruya) wenjenje: “Ngubani phakathi kwenu ofuna ukuya nam kulaa kampu kaSawule?”“Ndim oza kuhamba nawe,” uvakele esitsho uAbhishayi.
7. Ngobusuku bangaloo mini ke uDavide kunye noAbhishayi baya kungena ekampini kaSawule, elele ubuthongo phakathi ekampini, umkhonto wakhe ugxunyekwe phantsi ngasentloko. Amajoni noAbhinere babelele obentlombe bemngqongile.
8. Kwesi sithuba uAbhishayi uthe kuDavide: “Utshaba lwakho ulunikezele esandleni sakho namhlanje uThixo! Ndiyeke ndimgwaze ndimhlabanisele ngomkhonto. Andiyi kuphinda kabini!”
9. Uphendule wathi uDavide: “Uze ungambulali! Ngubani ongamsa isandla umthanjiswa *kaNdikhoyo aze abe msulwa?
10. Inene, ekho nje uNdikhoyo,” waqhuba watsho uDavide, “nguNdikhoyo ngokwakhe oya kumbetha, nokuba kungokufika kwemini yakhe yokufa, nokuba kungokubulawa kwakhe edabini.
11. Ngenxa kaNdikhoyo mna mandingaze ndimse isandla umthanjiswa kaNdikhoyo. Thatha laa mkhonto wakhe, nalaa ngqayi yakhe yamanzi ingasentlokweni yakhe, sihambe.”