1 Kasamweli 20:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Uze uncede ke uwugcine umnqophiso owandenzela wona phambi koNdikhoyo, usenzele ububele isicaka sakho. Kodwa ukuba ngenene ndinetyala, ndibulale ngokwakho; akukho nto ithi mandisiwe kuyihlo.”

9. “Unotshe!” kutsho uJonatan. “Ucinga ukuba ngendingakuxelelanga na xa bendisazi ukuba ubawo uzimisele ukukwenzakalisa?”

10. “Ngubani kakade owondazisa xa uyihlo ekuphendule kalukhuni?” wabuza uDavide.

11. “Makhe siye ngasendle,” kutsho uJonatan. Bahamba ke kunye,

12. waza uJonatan wathi kuDavide: “Ekho nje uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngeli xesha ngomsomnye ndakuba sendiyiphandile le nto kubawo. Ndokwazisa xa ndimfumene engenandawo ngakuwe.

13. Kanti ke ukuba uzimisele ukukwenzakalisa, ndize mna ndingakuxeleli khon' ukuze ubaleke, aze andohlwaye mna lo uNdikhoyo. UNdikhoyo makabe nawe kanye njengoko wayenobawo!

14. Ukuba mna ndisaphila, uze uthembeke kum oku kukaNdikhoyo, kodwa xa ndithe ndafa,

15. uze uhlale unaloo ntembeko kusapho lwam ngalo lonke ixesha, naxa uNdikhoyo selezitshabalalisile iintshaba zakho kulo lonke ihlabathi.”

1 Kasamweli 20