1 Kasamweli 20:32-40 Ibhayibhile (XHO96)

32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”

33. Kweso sithuba uSawule wajula umkhonto, efuna ukumbulala uJonatan. Waqonda mhlophe ke uJonatan ukuba uyise uzimisele mpela ukumcim' igama uDavide.

34. Wemka kuloo tafile efutha ngumsindo uJonatan. Akasa nasuntswana eli emlonyeni ngaloo mini yesibini yetheko. Wayebuhlungu yindlela ekrwada uyise amphathe ngayo uDavide.

35. Ngengomso uJonatan waya endle kuDavide ngokwesigqibo sabo. Wayehamba nenkwenkwana,

36. wathi kuyo: “Baleka ulande iintolo zam ndakuzidubula.” Yabaleka ngaphambili loo nkwenkwe, uJonatan wadubula utolo lwaya kuwa ngaphaya kwayo.

37. Ithe yakufika ngakuloo ndawo beluwe kuyo utolo loo nkwenkwe, wayikhwaza uJonatan, esithi: “Kwedini, utolo naluya ngaphaya kwakho!

38. Umele ntoni apho! Baleka!” Yaluchola olo tolo inkwenkwe, yalusa kwinkosi yayo,

39. ingazi yona ukuba kwakuqhubeka ntoni na. Loo nto yayisaziwa nguJonatan noDavide kuphela.

40. Wayinika izikrweqe zakhe uJonatan loo nkwenkwe, wathi mayigoduke nazo.

1 Kasamweli 20