1 Kasamweli 19:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngobo busuku waphuncuka wabaleka uDavide. USawule wathumela amadoda ukuba aye kungqinga indlu kaDavide, ukuze ambulale kwakusa. UMikali walumkisa umyeni wakhe uDavide, wathi: “Ukuba akubaleki umke apha ngobu busuku, ngomso woba ngofileyo!”

12. Watsho wamkhupha ngefestile, wabaleka wasaba uDavide.

13. UMikali uthathe *umlonde-khaya, wawubeka emandlalweni, wawuqamelisa ngomqamelo woboya bebhokhwe, waza wawambathisa.

14. USawule uthume amadoda ukuba ambambe uDavide, uMikali wathi kuwo: “Akaphilanga.”

15. USawule wathi makaye azibonele ngokwawo uDavide. Watsho esithi: “Ze nimthwale ngaloo mandlalo wakhe, nize naye apha, ndimbulale.”

16. Bafika bangena endlwini abo bafo, bafika kukho umlonde-khaya kuloo mandlalo, uqamele ngomqamelo woboya bebhokhwe.

17. Wabuza intombi yakhe uMikali uSawule esithi: “Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa? Uyabona, ulubalekisile utshaba lwam lwasinda!”UMikali uphendule wathi: “Úthe kum: ‘Ndiyeke ndimke! Yini na ukuba ndikubulale?’ ”

18. UDavide wabalekela kuSamweli eRama, wamchazela ngazo zonke izinto uSawule amenze zona. Banduluka apho uSamweli kunye noDavide, baya kuhlala eNayoti.

19. Uthe uSawule akuva ukuba uDavide uhlala eNayoti eRama,

20. wathumela amadoda, efuna ukumbamba. Abona iqela labashumayeli lihamba lishumayela, likhokelwe nguSamweli. UMoya kaThixo wawafikela loo madoda awayethunywe nguSawule, nawo angenelela ahamba nabashumayeli.

21. Uthe akuyiva loo nto wathumela amanye amadoda, aza nawo angenelela. USawule uthumele izigidimi isihlandlo sesithathu, kwehla esezolo nakwezi.

22. Usuke yena siqu uSawule wenjenjeya ukusinga eRama. Uthe akufika kwiqula elikhulu laseSeku, wabuzisa apho esithi: “Baphi uSamweli noDavide?”Uxelelwe kwathiwa: “BaseNayoti eRama.”

23. Uthe esendleleni eya apho, naye wafikelwa nguMoya kaThixo, waza wahamba eshumayela yonke loo ndlela isinga eNayoti.

24. Wafika wakhulula izambatho zakhe, washumayela njalo apho ekho uSamweli. Walala ze loo mini nobusuku bayo. Savela ngolo hlobo ke nesaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngumshumayeli naye?”

1 Kasamweli 19