Amadoda akwaSirayeli nawakwaJuda wona ahlaba umkhosi, awasukela amaFilistiya, ada aya kutsho ekungeneni eGati nasemasangweni e-Ekron. Kwakuthe waca ngamaFilistiya aziingxwelerha konke endleleni eya eSharayim kuse eGati nase-Ekron.