1 Kasamweli 16:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuSamweli: “Koda kube nini uzingcungcuthekisa ngenxa kaSawule? Ndimkhiqile ekulawuleni amaSirayeli. Zalisa iqhaga lakho ngamafutha omnquma, uye eBhetelehem kwaJese, kuba ndityumbe omnye koonyana bakhe ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.”

2. Ubuze wenjenje uSamweli: “Ndingathini ukuya? Angandibulala uSawule ukuyiva kwakhe loo nto!”UNdikhoyo uthe kuSamweli: “Uze uqhube ithokazi lenkomo, uthi uye kwenza idini apho.

3. Uze ufike umeme uJese eze kwelo dini. Mna ke ndokuxelela into omawuyenze, ndikubonise nomntu omawumthambise abe ngukumkani.”

1 Kasamweli 16