27. UJonatan yena wayengasivanga isifungo sikayise esibophelela abantu. Wahlaba ngentonga awayeyiphethe enqatheni lobusi, yabuya imanzi, wafaka emlonyeni, kwatsho kwee qabu kwangoko.
28. Elinye ijoni lathi: “Uyihlo uwubophelele wonke umkhosi ngesifungo esingqongqo, esithi: ‘Uqalekisiwe nabani na oya kuthi atye namhlanje.’ Yiloo nto amadoda ephelelwe ngamandla nje.”
29. UJonatan akuyiva loo nto, wathi: “Ubawo ulifake enkathazweni ilizwe! Ndiziva ndidlamkile ngoku, ndakuba ndikhe ndangcamla intwana yobusi.
30. Ngekukuhle kakhulu ukuba amawethu la ebeyekiwe akutya okuya kutya kuthinjwe kwiintshaba zethu. AmaFilistiya afileyo nge-engaphezulu koku.”
31. Ngaloo mhla emva kokuba amaSirayeli ewatyakatyile amaFilistiya ukusuka eMikimashe kuse eAyalon, aziva ephelile kukudinwa.
32. Asuka awatsibela amaxhoba, abamba iigusha, iinkomo, namathole, azixhela kwalapho, ayitya loo nyama isenegazi.