1 Kasamweli 13:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba nonyaka ukuya kwiminyaka emibini elawula kwaSirayeli

2. uSawule wakhetha amawaka amathathu amadoda akwaSirayeli. Amawaka amabini asala naye eMikimashe naseBhetele kweleentaba. Elinye iwaka walithumela eGibheya kummandla wakwaBhenjamin kunye noJonatan. Amanye amadoda wathi makagoduke.

3. UJonatan wahlasela ikampana yamaFilistiya eyayiseGebha. Yaduma kwelamaFilistiya into yokuba amaSirayeli avus' umnyele. USawule wathumela izigidimi ukuba zihambe zibeth' izigodlo kulo lonke, zithi: “Bekan' iindlebe, maHebhere!”

4. Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.

5. AmaFilistiya aqokelela umkhosi wokulwa namaSirayeli. Yaba ngamashumi amathathu amawaka eenqwelo zokulwa, namawaka amathandathu amadoda akhwele kuzo, nenyambalala yamajoni. Enjenjeya ukuya kumisa ikampu yawo eMikimashe ngasempumalanga yeBhetaven.

6. Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni.

7. Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye.

8. Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala,

9. waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo.

10. Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela.

1 Kasamweli 13