1 Kasamweli 12:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo.

12. Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”

13. Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku.

14. Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo.

15. Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

16. “Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo.

17. Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”

1 Kasamweli 12