1 Kapetros 2:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.

17. Hloniphani wonke umntu; wathandeni amakholwa, nimoyike uThixo, nimthobele osemagunyeni.

18. Nina zicaka, bahlonipheni abo baniqeshileyo, nibathobele kangangoko. Le nto ke sanukuyenza kwabo banobubele nobuntu kuphela, koko yenzeni nakwabo bakhohlakeleyo.

19. Kaloku uThixo uyamthamsanqelisa umntu onyamezela ingcinezelo engonanga, kuba elangazelela okuthandwa nguThixo.

20. Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe.

21. Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

22. Yena zange one, engazange wakhohlisa.

23. Naxa wayengcikivwa wayengaphindisi angcikive. Ngexesha lokuphatheka kabuhlungu akazange aqalekise, koko imeko yakhe wayinikela kulowo ugweba ngobulungisa.

24. Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

25. Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.

1 Kapetros 2