Uzekariya 8:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo;

5. zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo.

6. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi.

7. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo.

8. Ndobazìsa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.

Uzekariya 8