Uzekariya 11:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.

12. Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.

13. Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingenganganĂ­, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.

14. Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.

15. Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.

Uzekariya 11