9. Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye.
10. Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsali zam, bengumnikelo wam wokudla.
11. Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele.
12. Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzĂmela egameni likaYehova.