Uyoweli 3:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

5. Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zam ezintle ezinqwenelekayo, nazísa etempileni yenu;

6. nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan,* ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;

7. yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyìsele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

8. Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba úthethile uYehova.

Uyoweli 3