10. Wavuka kusasa ngengomso uYoshuwa, wabahlela abantu, wenyuka, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli phambi kwabantu, waya eAyi.
11. Bonke abantu bokulwa ababenaye benyuka, basondela, beza phambi komzi, bamisa ngasentla kweAyi; kwabakho umfula phakathi kwabo neAyi.
12. Wathabatha amadoda amayela kumawaka amahlanu, wawabeka ekulaleleni phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga komzi.