2. Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalùsa oonyana bakaSirayeli.
3. Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalùsa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwalùswa.
4. Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
5. Kuba baye balukile bonke abantu abo baphumáyo; ke bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa, babengalukanga.
6. Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mané entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova; awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
7. Ke oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, wabalùsa bona uYoshuwa; kuba babengalukile, ngokuba babengabalùsanga endleleni.
8. Kwathi bakuba belugqibile ukulwalùsa lonke uhlanga, bahlala endaweni yabo eminqubeni bada baphola.
9. Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeYiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni; kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali* unanamhla.
10. Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngosuku lweshumi elinesiné lwenyanga, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko.