Uyoshuwa 22:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo.

13. Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,

14. elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli.

15. Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi; bathetha kubo, besithi,

16. Litsho lonke ibandla likaYehova, ukuthi, Bubumenemene buni na obu nimeneza ngabo kuThixo kaSirayeli, nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova, ngokuzakhela isibingelelo, ukuba nigwilike kuYehova namhla?

Uyoshuwa 22