10. Waza uYoshuwa wawawisela amaqashiso eShilo phambi koYehova; uYoshuwa wababela ilizwe oonyana bakaSirayeli khona ngokweentlantlu zabo.
11. Kwavela iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda weqashiso labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu.
12. Umda wabo ngasecaleni lasentla wathabathela eYordan, wenyuka waya egxalabeni laseYeriko ngasentla, wenyuka waya ezintabeni ngasentshonalanga; ukuma kwawo, waya wema ngentlango yaseBhetaven;
13. wegqitha umda khona, waya eLuzi, egxalabeni leLuzi ngasezantsi (yiBheteli ke leyo); wehla umda waya eAtaroti-adare, ngasezintabeni ezingasezantsi kweBhete-horon yasezantsi.
14. Wahlaba umda, wajika waya ecaleni lasentshonalanga ngasezantsi, usuka entabeni ephambi kweBhete-horon ngasezantsi; ukuma kwawo, waya wema ngeKiriyati-bhahali (yiKiriyatiyeharim ke leyo), umzi woonyana bakaYuda. Lilo elo icala lasentshonalanga.
15. Icala lasezantsi lathabathela ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waphuma umda entshonalanga, waphuma waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa.
16. Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele;
17. wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen;
18. wegqitha waya egxalabeni elimalunga neArabha entla, wehla waya eArabha;
19. wegqitha umda waya egxalabeni laseBhete-hogela entla; ukuma komda, waya wema ngechweba loLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi; nguwo lowo umda wasezantsi.