Uyoshuwa 15:44-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. neKehila, neAkezibhi, neMaresha: imizi esithoba inemizana yayo.

45. IEkron, namagxamesi ayo, nemizana yayo;

46. kwathabathela e-Ekron ngasentshonalanga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo.

47. IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo.

48. Esezintabeni: yiShamire, neYatire, neSoko,

49. neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo);

50. neAnabhi, ne-Eshtemo,

51. neAnim, neGoshen, neHolon, neGilo: imizi elishumi elinamnye, inemizana yayo.

52. IArabhi, neDuma, ne-Eshan,

53. neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka,

Uyoshuwa 15