12. Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.
13. UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,
14. Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki.
15. Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili.
16. Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.
17. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.
18. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?
19. Yathi, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi.