Uyoshuwa 13:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke ngoko lâbe eli lizwe libe lilifa kwizizwe ezisithoba, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,

8. esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:

9. lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;

10. nemizi yonke kaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, lise emdeni woonyana baka-Amon;

11. nelaseGiliyadi, nomda wamaGeshuri, namaMahakati, nentaba yonke yeHermon, neBhashan yonke kuse eSaleka;

12. bonke ubukumkani bukaOgi eBhashan, obephethe ubukumkani eAshtaroti, nase-Edreyi, ngowayesele kumasalela amaRafa. Wawabetha uMoses wawagqogqa.

Uyoshuwa 13