Uyoshuwa 13:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Noko ke oonyana bakaSirayeli abawagqogqanga amaGeshuri, namaMahakati; ahleli amaGeshuri namaMahakati phakathi kwamaSirayeli unanamhla.

14. Sisizwe sakwaLevi sodwa angasinikanga lifa; ukudla kwasemlilweni kukaYehova uThixo wamaSirayeli lilifa laso, njengoko wathethayo kuso.

15. UMoses wasinika ilifa isizwe soonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo.

16. Umda wabo wathabathela eArohere, ngasemlanjaneni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo, nehewu lonke elingaseMedebha;

17. iHeshbhon nemizi yayo yonke esehewu; iDibhon, neBhamotibhahali,

18. neBhete-bhahali-mehon, neYatsa, neKedemoti, neMafahati,

19. neKiriyatayim, neSibhema, neTserete-shahare entabeni yentili;

20. neBhete-pehore, namaxandeka asePisga, neBhete-yeshimoti, nemizi yonke yehewu,

21. nobukumkani bonke bukaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, owabulawayo nguMoses kunye nezikhulu zakwaMidiyan: ooEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, iinkosana zikaSihon ezihleli kwelo zwe.

22. NoBhileham unyana kaBhehore, itola, bambulala oonyana bakaSirayeli ngekrele, phakathi kwabahlatyiweyo ngabo.

23. Umda woonyana bakaRubhen waba yiYordan nommandla wayo. Lilo elo ilifa loonyana bakaRubhen ngokwemizalwane yabo, imizi yabo nemizana yabo.

24. UMoses isizwe sakwaGadi, oonyana bakaGadi, wabanika ilifa ngokwemizalwane yabo.

25. Umda wabo waba yiYazere, nemizi yonke yaseGiliyadi, nesiqingatha selizwe loonyana baka-Amon, wesa eArohere, ephambi kweRabha;

Uyoshuwa 13