Uyoshuwa 10:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli.

15. Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali.

16. Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda.

17. Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda.

Uyoshuwa 10