Uyona 1:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sázi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.

8. Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? úyintoni na umsebenzi wakho? ùvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ùngowabaphi na abantu?

9. Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.

10. Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.

11. Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke?

Uyona 1