Uyohane 8:44-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

45. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.

46. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningĂ kholwa ndim?

Uyohane 8