Uyohane 7:38-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.

39. Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.

40. Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu*.

41. Babesithi abanye, uKristu* angávela kwelaseGalili yini na?

42. Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu* uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?

43. Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.

44. Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.

Uyohane 7