24. Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.
25. Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?
26. Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangába kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu* okwenyaniso?
27. Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu* esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.