Uyohane 6:69-71 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

69. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo ophilileyo.

70. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.

71. Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.

Uyohane 6