Uyohane 6:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo.

18. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.

19. Bakuba ngoko begweqile izitadiya* ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.

20. Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.

21. Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.

22. Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe;

Uyohane 6